1 Kings 8:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yiva wena ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, wenze ngako konke aya kubiza kuwe ngako owolunye uhlanga lowo; ukuze bonke abantu bomhlaba balazi igama lako, boyike wena, njengabantu bako o‐Sirayeli; bazi kanjalo ukuba igama lako libiziwe pezu kwendlu le endiyakileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba ibizwe ngegama lakho le ndlu ndiyakhileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiva xa usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo, wenze ngokuvumelana nako konke okubiza ngako iintlanga, ukuze zonke iintlanga zomhlaba zilazi igama lakho, mazikoyike, kanye njengomphefumlo wakho abantu bakwaSirayeli; bazi ukuba igama lakho libizwe phezu kwale ndlu ndiyakhileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.