1 Kings 8:46 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa bonayo ngakuwe, (ngokuba kungeko umntu ongoniyo,) uti wena ubaqumbele, ubanikele ebusweni botshaba, bade abatimbi babo babatimbele elizweni lotshaba, elikude umhlaumbi elikufupi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe bakona kuwe (ngenxa yokuba kungekho bani ungoniyo) uze ube nomsindo kubo uze ubanikele ezandleni zeentshaba, zaza zabathimbela kwilizwe lotshaba; kude okanye kufutshane;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa bathe bakona (kaloku akukho mntu ungoniyo) waza ke wena wakhathazeka, wabanikela elutshabeni, luze ke lona lubathimbe, luye nabo kwilizwe lalo, nokuba kukude okanye kukufuphi,