1 Kings 8:50 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ubaxolele abantu bako abonileyo ngakuwe, nazo zonke izigqito zabo abagqitileyo ngakuwe ngazo, ubanike izibele ebusweni babo babatimbileyo, baze babe nobubele ngakubo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ubaxolele abantu bakho ngoko kona, nokukreqa kwabo konke abakreqe ngako kuwe, ubenzele imfesane phambi kwababathimbileyo, basikwe bona yimfesane ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baxolele abantu bakho abonileyo kuwe, nezikreqo zabo zonke abakona ngazo kuwe, ube nemfesane kubo phambi kwababathimbileyo, ukuze babe nosizi ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uzixolele zonke iziphoso zabo ngakuwe, wenze ukuba abo babathimbileyo babe nenceba kubo.