1 Kings 8:53 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wena ubahlulile kubo bonke abantu bomhlaba, babe lilifa lako, njengokuba utetile ngesandla sika‐Mosesi isicaka sako, wakupumisa obawo betu e‐Jipete, Nkosi, Yehova!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba wabahlula wena ezizweni zonke zomhlaba, ukuba babe lilifa lakho, njengoko wakuthetha ngoMoses umkhonzi wakho, ekubakhupheni kwakho oobawo eYiputa, Nkosi Yehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba wabanyula ezizweni zonke zehlabathi, ukuba babe lilifa lakho, njengoko wathethayo ngoMoses umkhonzi wakho, ekubakhupheni kwakho oobawo eYiputa, Nkosi Yehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena wabatyumba phakathi kwazo zonke izizwe zehlabathi, ukuze babe lilifa lakho, nanjengoko watshoyo ngomlomo wesicaka sakho uMosis, ngokuya wena, Nkosi Ndikhoyo, wawukhulula oobawo kwelaseJiputa.”