1 Kings 8:59 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalamazwi am, enditaṙuzisile ngawo pambi kwoyehova, makabe kufupi noyehova, utixo wetu, emini nasebusuku, ukuba alenze ibango lesicaka sake, nebango labantu bake o‐Sirayeli, indawo yemihla ngemihla ngomhla wayo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makathi nala mazwi am, nditarhuzisileyo ngawo phambi koYehova, asondele kuYehova uThixo wethu, imini nobusuku, ukuba amgwebele umkhonzi wakhe, abagwebele abantu bakhe amaSirayeli, into yemini ngemini yayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
La mazwi am ndiwathandazayo phambi koYehova ngamana abe kufuphi noYehova uThixo wethu imini nobusuku ukuze ayixhase imeko yomkhonzi wakhe nemeko yabantu bakhe amaSirayeli ngamaxesha onke, njengoko kuyimfuneko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nala mazwi ndiwathetha ndithandaza phambi koNdikhoyo, ngamana ahlala ekufuphi imini nobusuku bayo kuNdikhoyo uThixo wethu, ukuze asigwebele isicaka sakhe, abagwebele nabantu bakhe amaSirayeli, loo nto ayenze ngokweemeko zemini nganye,