1 Kings 8:61 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Maibe ngoko intliziyo yenu ikolisekile ngakuyehova, utixo wetu, ukuhamba ngezimiselo zake, nokugcina imiyalelo yake, njengokuba kunjalo namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mayiphelele intliziyo yenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemimiselo yakhe, niyigcine imithetho yakhe, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku mazigqibelele iintliziyo zenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemithetho yakhe emisiweyo, niyigcine imithetho yakhe, njengoko namhla kunjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke nina iintliziyo zenu maziphelelise ukubambelela kuNdikhoyo uThixo wethu, niziphathe ngokwezimiso zakhe, nemithetho yakhe niyithobele njenganamhlanje.”