1 Kings 8:64 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ukumkani ngomhla lowo wenza ngcwele umpakati webala elipambi kwayo indlu kayehova; ngokuba wabelungisa kona amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, nenqata leminikelo yoxolo; ngenxa yokuba isibingelo sexina, esipambi kwoyehova, sibe sincinane kokokuba samkele amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, nenqata leminikelo yoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ephambi kwendlu kaYehova. Ngokuba wenza khona idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela; kuba isibingelelo sobhedu esiphambi koYehova besisincinane, singenakulamkela idini lonke elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo phambi kwendlu kaYehova; kuba kulapho wazisa khona iminikelo etshiswayo nemibingelelo etshiswayo namanqatha emibingelelo yombulelo, ngenxa yokuba isibingelelo sobhedu esasiphambi koYehova sasincinane kakhulu ukuba singawamkela umnikelo otshiswayo nomnikelo otshiswayo namanqatha imibingelelo yoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo mini ke ukumkani wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, aweenkozo, kunye namanqatha alidini lobudlelwane. Kaloku elo qonga lobhedu likaNdikhoyo lalilincinci, lingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo namadini obudlelwane enziwa ngamanqatha.