1 Kings 8:65 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza u‐Solomone ngeloxesha umtendeleko, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, intlanganiso enkulu, ivela kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwasemlanjeni wase‐Jipete, pambi kwoyehova, utixo wetu, imihla esixe̔nxe nemihla esixe̔nxe, imihla elishumi linamine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uSolomon wenza umthendeleko, enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, zaziintsuku ezilishumi elinesine.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uSolomon wenza itheko nawo onke amaSirayeli ekunye naye, ibandla elikhulu, ukususela ekungeneni kweHamati ukusa kuMlambo waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, iintsuku ezilishumi elinesine.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa. Apho ke phambi koNdikhoyo uThixo wethu babhiyoza imihla esixhenxe, bada bongeza nesinye isixhenxe yalishumi elinesine leentsuku.