1 Kings 8:66 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla wesibozo wabandulula abantu; abatamsanqelisayo ukumkani, bahambela ezintenteni zabo, bevuya, becwayitile ngentliziyo, pezu kwako konke okulungileyo abekwenzile uyehova ku‐Davide isicaka sake, nako‐Sirayeli abantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngosuku lwesibhozo wabandulula abantu. Bambonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngosuku lwesibhozo wathi ebantwini mabahambe, baza bambonga ukumkani baza baya ezintenteni zabo bevuya yaye ezintliziyweni zabo benemihlali ngenxa yokulunga konke uYehova awakwenzayo kuDavide umkhonzi wakhe nakubantu bakhe amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomhla olandelayo ke wabandulula abantu. Nabo ke bamthamsanqela ukumkani, baza bagoduka bonwabile benemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzela isicaka sakhe uDavide kunye nabantu bakhe amaSirayeli.