1 Kings 9:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nantsi indawo yesitabataba sabantu, abesinyusile ukumkani u‐Solomone, ukuba kwakiwe indlu kayehova, nendlu yake, ne‐Milo, nodonga lwe‐Yerusaleme, ne‐Hatsore, ne‐Megido, ne‐Gezere:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siso esi isizathu sokunyula irhafu, awayisusayo uSolomon; ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uSolomon wagaya abasebenzi bonyanzelo ukuze akhe indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nokulungiselelanisa umhlaba oxhase isixeko ngasempuma, ukwakha iindonga ezijikeleze iJerusalem, nokwakha iHazore, iMegido, neGezere.