1 Kings 9:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Wayenyukile u‐Faro ukumkani we‐Jipete, wayibamba i‐Gezere, wayitshisa ngomlilo, naba‐Kanane ababehlala esixekweni wababulala, nayo yona wayinika ibe libaso kwintombi yake umfazi ka‐Solomone:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakunyuke uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka uFaro ukumkani waseYiputa, wayithabatha iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba sisipho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ukumkani waseJiputa wayihlasela wayithatha iGezere. Wayitshisa ngomlilo, wababulala abemi bayo abangamaKanana, waza wembesa ngayo intombi yakhe eyayingumka-Solomon.