1 Kings 9:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Solomone amaxesha matatu emnyakeni mnye enikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, pezu kwesibingelo abesakele uyehova, waqumisa pezu kwaso isibingelo esibe sipambi kwoyehova: kwa njalo wayigqiba indlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon ubenyusa kathathu ngomnyaka amadini anyukayo, nemibingelelo yokubulela, esibingelelweni abesakhele uYehova, aqhumisele kweso siphambi koYehova. Wayigqiba indlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wayenikela imibingelelo etshiswayo neyombulelo izihlandlo ezithathu ngonyaka esibingelelweni awayesakhele uYehova, yaye wenza ukuba kutshiswe nesiqhumiso esiphambi koYehova. Wayigqiba ke indlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kathathu ngonyaka uSolomon wayesenza amadini atshiswayo nawobudlelwane apho kwelo qonga wayelakhele uNdikhoyo, kananjalo amenzele isiqhumiso uNdikhoyo, efezekisa zonke iimfuneko zendlu kaThixo.