1 Kings 9:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova kuye: Ndivile umtandazo wako, nesitaṙuziso sako utaṙuzisile ngaso ebusweni bam; ndenzile ngcwele indlu le oyakileyo, ukuba ndibeke igama lam kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam.Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho okwenzileyo phambi kwam; aya kuhlala elapho amehlo am nentliziyo yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathetha naye wathi: “Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.