1 Kings 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti ukuba niya kuka nibuye ekundilandeleni, nina nabantwana benu, nize ningagcini imiyalelo yam, n ezimiselo zam endizibekileyo pambi kwenu, kodwa niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba nithe nabuya kum, nina, noonyana benu, nemithetho yam, nemiyalelo yam, endiyibeke phambi kwenu, anayenza, anakhonza thixo bambi, nabanqula;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa ukuba nina nokuba ngoonyana benu nisuke nandilahla anayikhathalela imiyalelo nemimiselo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula *thixo bambi,