1 Kings 9:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiya kwandula ndinqamle o‐Sirayeli emhlabeni, endiwunikileyo kubo; nalendlu, endiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam; waye u‐Sirayeli eya kuba yinto yokuzekeliswa nelizwi lokuhlekisa pakati kwabantu bonke:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kumtshabalalisa uSirayeli emhlabeni endimnike wona; nale ndlu ndiyingcwalisayo ngenxa yegama lam, ndoyilahla, imke ebusweni bam; uSirayeli uya kuba yintsomi ezintlangeni zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
mna ndomnqamla uSirayeli kweli lizwe ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ke yena uSirayeli uya kuba ngundaba-mlonyeni, abe sisigculelo kuzo zonke izizwe.