1 Kings 9:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nendlu le, e pezulu, osukuba edlula ngakuyo woti nqa, enze amakwelo; kwakuya kutiwa: Kungenxa yanina enzileyo uyehova njengokunjalo kwelilizwe nakulendlu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kule ndlu ephakamileyo, bonke abadlulayo kuyo bomangaliswa, bavuthele umlozi; yaye ngokuqinisekileyo baya kuthi: ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze eli hlabathi nale ndlu ngolu hlobo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka baphoxise bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’