1 Peter 1:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokokuba nibiza konguyihlo, oti engabuki isiqu samntu agwebe ngokwomsebenzi wabanye ngabanye, hlalani ixesha lokupambukela kwenu ninokuhlonela;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nani nimnqula nithi uYihlo, lowo ugwebayo ngokokwenza komntu wonke, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha ninoloyiko;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa nimnqula nithi uThixo nguBawo ongenamkhethe, ogweba lowo nalowo ngokwezenzo zakhe. Ngoko ke mnikeni imbeko lo gama nisesemhlabeni.