1 Peter 1:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku imipefumlo yenu niyicokisile nje ekuyiveni inyaniso ngaye umoya kuze kube kukutanda abazalwana okungazenzisiyo, nyamekani kunene ukutandana ngentliziyo ecocekileyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ke ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko ke nithe ngenxa yokululamela inyaniso nenziwa nyulu ukuze nithandane ngokwabazalanayo, thandanani ke ngoko ngokungazenzisiyo.