1 Peter 2:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ludumo lunina, ukuba niya kuti, nxa nisona nandul’ ukubetwa, ninyamezele? Koko ukuba niya kuti, nxa nisenza okulungileyo nandul’ ukuva intlungu, ninyamezele, oku kuyinto enokubukwa pambi kwotixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyathandeka kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe.