1 Peter 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ninaso isazeliso esilungileyo; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, badaniswe abo bakuxokayo ukumila kwenu okulungileyo ku‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuba nesazela esilungileyo; ukuze kuloo nto banithethela kakubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu.