1 Peter 3:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba no‐Kristu weva intlungu kwa kanye ngenxa yezono, olungileyo evela abangalungileyo, ukuze asizise kutixo, efisiwe inyama nje, kodwa epilisiwe ngomoya;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo, ebulewe esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,