1 Peter 3:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bakuba fudula bebengenakuva, oko kube kulinda ukuzeka kade kukatixo emihleni ka‐Nowa, nxa inqanawa ibilungiswa, okukuyo imipefumlo emincinane, oko kukuti esibozo, yasindiswa icanda amanzi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, xeshikweni kwakwakhiwa umkhombe, ekwathi kuwo abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, yasindiswa ngamanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi.