1 Peter 4:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba eteta, makatete njengamazwi katixo; osukuba ekonza, makakonze njengokwobomelelo obubatyalwayo ngutixo: ukuze ezintweni zonke adunyiswe utixo ngaye u‐Yesu Kristu, okukokwake ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo;ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.