1 Peter 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba niyatukelwa igama lika‐Kristu, ninetamsanqa ke; kuba u?-? moya wobungcwalisa no katixo epumla pezu kwenu: ngokwabo bona uyagxekwa, kodwa ngokwenu nina uyadunyiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo;ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu;ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; kuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.