1 Peter 4:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ixesha lifikile lokokuba ukugwetywa kuqalwe ngayo indlu katixo: kodwa ukuba kuqalwa ngati, soba yinto nina ke isipelo sabangayivayo ivangeli katixo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqale kuthi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zikaThixo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku lifikile ixesha lokuba umgwebo uqale; ibe ke uza kuqala endlwini kaThixo ngenkqu. Ukuba ke uqala kuthi, soba yintoni ke isiphelo sabo bangavumiyo ukuzithobela iindaba ezimnandi zikaThixo?