1 Peter 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba lisanele ixesha eligqitileyo lobomi betu lokuba safeza inkanuko zabaheyideni, nxa sibe sihamba kuzo izinto zobutshinitshini, inkanuko ezimbi, izinxalo zeveyine, imihlali yobusuku, iziselelwano, nenkonzo ezibuntshontsho zezitixo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba lanele ixesha elidluleyo ukuba sisebenze ukuthanda kweentlanga, esahamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, ezindywaleni, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke lanele elaa xesha nilidlele ebuhedenini. Kaloku ngoko naningooandikhathali, nibawa, ninxila, nithanda iziyunguma; naningamakhoboka embarha; naninqula ngendlela elisikizi.