1 Peter 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngenxa yoku ivangeli yashunyayelwa nakwabafileyo, ukuze bagwetywe ngokwabantu enyameni, kodwa badle ubomi ngo kwotixo emoyeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naso isizathu esabangela ukuba iindaba ezimnandi zishunyayelwe nakwabo bafileyo ngoku. Ewe, zashunyayelwa nakwabo babegwetyiwe njengamntu wonke, khon' ukuze ngokoMoya baphilele uThixo.