1 Peter 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku utixo wofefe lwonke, owasibizelayo ebungcwaliseni bake obungunapakade ku‐Kristu Yesu, wanga angati ngokwake, nakuba nivile intlungu kancinane, anizalisekise, aniqinise, anomeleze, anisekele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.