1 Peter 5:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngaye u‐Silivane, umzalwana onyanisekileyo kuni, njengokuba nditelekelelisa, ndiba̔lile ngokufutshane, ndiyala, ndinqi̔na nokunqi̔na ukuba lulo ufefe oluyinyaniso lukatixo olu nimiyo kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoncedo lukaSilas, ikholwa elithembekileyo njengoko ndiqonda, ndinibhalele le ncwadana ndinikhuthaza. Ngokunjalo ndiyangqina ukuba esi sisisa sikaThixo ngenene. Ngoko ke yimani kuso ningahexi.