1 Samuel 1:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUKO indoda etile yase‐Ramatayime‐tsofime, yasentabeni yakwa‐Frayime, egama belingu‐Lekana, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Elihu, unyana ka‐Tohu, unyana ka Tsufi, um‐Eferata:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakukho indoda yaseRamatayim-Sofim, kweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaSufi, umEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ERamatayim kwakukho mfo uthile ugama linguElikana, unyana kaJeroham, kaElihu, kaTowu wendlu kaZufi. Wayengowesizwe sakwaEfrayim kweleentaba.