1 Samuel 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wabambisa ngesibambiso, wati: Yehova wemikosi! ukuba woka ukangele imbandezelwa yesicakakazi sako, undikumbule, ungalibali isicakakazi sako, uze usinike isicakakazi sako umntwana wobudoda, sendiya kumnika kuyehova ngayo yonke imihla yobomi bake; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafunga wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhumbula iintsizi zam nomkhonzazana wakho, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyinkwenkwe: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bam. Hlala endlwini yakho ubomi bakhe, nencakuba ayiyi kufika entlokweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wenza isibhambathiso kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo Somandla, wanga ungayibona inkxwaleko yesicakazana sakho, usikhumbule, ungasilibali isicakazana sakho, kodwa usinike unyana. Ke ndomnikezela kuwe, Ndikhoyo, abe ngowakho bonke ubomi bakhe, yaye neenwele zakhe azinakuze zichetywe.”