1 Samuel 1:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bavuka kwa kusasa, babedesha ebusweni bukayehova, babuya, beza endlwini yabo e‐Rama. Waye u‐Lekana wamazi u‐Hana umfazi wake; wati uyehova wamkumbula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama. UElikana wamazi uHana umkakhe;uYehova wamkhumbula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuka ekuseni kakhulu baza baqubuda phambi koYehova baza babuya bafika ekhayeni labo eRama; uElikana wamthiya igama elinguHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.