1 Samuel 1:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute ekupeleni kwemihla etile, wandula u‐Hana wakaula, wazala unyana, wabiza igama lake ngo‐Samyali: ngokuba, wabesitsho, ndimcelile kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ukufezeka kwemila, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli, esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko lathi lakufika ixesha lokuba uAna akhawule, wazala unyana, waza wamthiya igama elinguSamuweli, esithi: “Kungenxa yokuba ndamcela kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”