1 Samuel 1:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Hana ebengenyuki; ngokuba ebesiti kuyo indoda yake: Ndohlala ade umntwana alunyulwe, ndandiya kwandula ndimzise, aze abonakale ebusweni bukayehova, ahlale kona kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, alale khona kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena uAna akanyukanga; ngokuba wathi endodeni yakhe, Andiyi kunyuka ndinyuke, ade azale umntwana;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”