1 Samuel 1:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Lekana, indoda yake, wati kuye: Yenza okulungileyo emehlweni ako; hlala ude umlumle; kodwa uyehova makaliqinise ilizwi lake. Kwa njalo wahlala umfazi lowo, wanyisa unyana wake, wada wamlumla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emelweni akho; lala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Walala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza ngokubona kwakho; hlala ude umgxothe; NguYehova yedwa olaziyo ilizwi lakhe. Wahlala ke umfazi lowo, wancancisa unyana wakhe, wada wamlumla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Indoda yakhe uElikana yathi: “Kulungile, ungasala. Yenza loo nto uyibona ilungile. Ungalinda ude umlumle umntwana. Ubenga uNdikhoyo angasifezekisa isithembiso sakhe.” Wasala ke uHana, eluncancisa usana lwakhe, lwada lwalunyulwa.