1 Samuel 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenje njalo ke u‐Lekana iminyaka ngeminyaka; wati u‐Hana nxa sukuba ebenyuka ukuya endlwini kayehova, kwa njalo u‐Penina wamcapukisa; ngako walila, engadli nto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza loo nto iminyaka emininzi ekunyukeni kwakhe ukuya endlwini kaYehova, wadlala ngaye; ke ngoko, walila akadla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku.