1 Samuel 10:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, bakubona bonke ababemazi ngexesha lapambili, ukuba, bona ke, uyaprofitesha pakati kwabaprofite, bandula abantu bati omnye kwomnye: Yinto nina le unyana ka‐Kishe uhlelwe yiyo? Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukubaprofeti noSawule na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babona bonke ababemazi ngaphambili, ukuba uprofete phakathi kwabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ngaba naye uSawule ungomnye wabaprofeti?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”