1 Samuel 10:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula umntu wakona, wati: Ngubanina pofu uyise wabo? Kukona kwenziwa umzekeliso wokuti: Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo?Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukubaprofeti noSawule na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula umntu wathi, Ngubani na uyise wabo? Ke ngoko kwabakho umzekeliso othi, Ungomnye wabaprofeti na noSawule?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho. Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?”