1 Samuel 10:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa namhla nimlahlile utixo wenu, obenisindisa ngokwake kubo bonke ububi benu nobunzima benu; nide nati kuye: Beka ukumkani pezu kwetu! Ngako kaloku zimiseni ebusweni bukayehova ngezizwe zenu, nangamawaka enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Simisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Namhla nimlahlile uThixo wenu, owanihlangulayo kuzo zonke iimbandezelo zenu, nasekubandezelweni kwenu; wathi kuye, Hayi, simisele ukumkani. Zilungiseleleni ke ngoku phambi koYehova, kunye nezizukulwana zenu, namawaka enu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngoku nimfulathele uThixo wenu onihlangulayo kuzo zonke iinkxwaleko neenzingo, naza nathi: ‘Simisele ikumkani isilawule.’ Ngoko ke, dwelani apha phambi koNdikhoyo ngokwezizwe zenu neziduko zenu.”