1 Samuel 10:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa umkile namhla kum, wosel’ ufumana amadoda emabini ngasencw̔abeni lika‐Rakele, emdeni wakwa‐Benjamine, e‐Tseletsa; wona aya kuti kuwe: Amaqwaṙashekazi, owaya ukuwafuna, afunyenwe; bona ke, uyihlo ulahlile indawo yamaqwaṙashekazi, exalele nina, esiti: Ndiya kwenzela nto nina unyana wam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekumkeni kwakho kum namhla, uya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa;aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna.Yabona, ukuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo;unesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekumkeni kwenu namhla kum, niya kufumana amadoda amabini engcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, iSelsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuzifuna; nanko uyihlo eseleyishiyile idizili, ebuhlungu, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukwahlukana kwethu namhlanje uya kuhlangana namadoda amabini phaya ngakwingcwaba likaRakeli eZeleza kumda wakwaBhenjamin. Aya kuthi kuwe: ‘Eziya donki ubuye kuzikhangela zifumanekile, yaye noyihlo akasazidubi ngazo ngoku, seleziduba ngawe. Selesithi: “Yaz'ba ndiza kuyithini na into yokungabuyi konyana wam?” ’