1 Samuel 10:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abesondeze isizwe sika‐Benjamine ngezizalwane zaso, kwaqashwa isizalwane sika‐Materi, waza u‐Saule, unyana ka‐Kishe, waqashwa: basuka bamfuna, kodwa ebengabonakali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, abamfumana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwanyulwa umzi wakwaMatri, kwathi uSawule unyana kaKishe wathinjwa; bamfuna, akafunyanwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uSamweli wasondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokweziduko zaso, kwaza kwatyunjwa indlu kaMatri, kuyo kwatyunjwa uSawule unyana kaKishe. Bamkhangela kodwa ababi nakumfumana.