1 Samuel 10:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Samyali wati kubo bonke abantu: Niyabona na lowo unyuliweyo nguyehova, ukuba akuko ofana naye pakati kwabo bonke abantu? Basuka bamemeza bonke abantu, bati: Makapile ukumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamuweli kubantu bonke, Niyambona na lo unyuliweyo nguYehova; ukuba akukho unjengaye ebantwini bonke? Baduma bonke abantu, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamuweli ebantwini bonke, Niyambona na lo umnyulileyo uYehova, ukuba akukho unjengaye ebantwini bonke? Baduma bonke abantu, besithi, uYehova makamsindise ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje ke uSamweli ukubhekisa ebantwini: “Nanku ke umntu otyunjwe nguNdikhoyo. Niyabona nani ukuba akukho namnye onjengaye phakathi kwethu.” Baduma bonke abantu, bathi: “Huntshu-u-u, ad' akhokhob' ukumkani!”