1 Samuel 10:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Samyali waxelela abantu isiko lobukumkani, waliba̔la encwadini, wayibekela pambi kwoyehova. Wada u‐Samyali wabandulula bonke abantu, ukuya abanye ngabanye ezindlwini zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli walithetha ebantwini isiko lobukumkani, walibhala encwadini, wayibeka phambi koYehova. USamuweli wabandulula abantu bonke; baya elowo endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uSamuweli wabaxelela abantu indlela yobukumkani waza wayibhala encwadini waza wayibeka phambi koYehova. Waza uSamuweli wathi bonke abantu mabahambe, elowo aye endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSamweli wabachazela ngemigaqo yobukumkani, wayibhala encwadini, waza wayibeka phambi kukaNdikhoyo. Wabandulula ke bonke, bagoduka.