1 Samuel 10:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwoko uya kufika endulini katixo, apo ilali yama‐Filistiya ikona; kwakuya kuti, akufika kona esixekweni, uya kuhlangana neqela labaprofite besihla endaweni epakamileyo, benenebele, nentambula, nomlozi, nohadi, pambi kwabo; abaya kuprofitesha ke:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko uya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uya kufika endulini kaThixo, apho akhona amajoni amaFilistiya; wothi wakufika esixekweni, uquqele inkitha yabaprofeti, besihla ivela phezulu, iphethe uhadi, nengqongqo, nempempe, nohadi; kwaye baya kuprofeta;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.