1 Samuel 10:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kwandulela kum ukuhlela e‐Gilegale; ngokuba bona ke, ndiya kuhlela kuwe, ndinikele amadini okutshiswa, ndibingelele imibingo yoxolo; yimihla esixe̔nxe uya kulinda, ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wolinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uhle phambi kwam uye eGiligali; uyabona, ndiyeza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo nemibingelelo yombulelo; hlalani iintsuku zibe sixhenxe, ndide ndize kuni, ndinixelele into eniya kuyenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”