1 Samuel 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuba ejikile umhlana wake ukumka ku‐Samyali, wandula utixo wamguqulela intliziyo ibe yimbi: kanjako yonke lemiqondiso yeza kubako ngalomini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akuthi gu bucala ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi; yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini.