1 Samuel 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bonke abantu baya e‐Gilegale, bamenza u‐Saule ukumkani kona pambi kwoyehova e‐Gilegale; babingelela nakona imibingo yoxolo pambi kwoyehova: waye u‐Saule wavuya kona, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli, kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya bonke abantu eGiligali; bambeka ukumkani uSawule eGiligali phambi koYehova; babingelela apho imibingelelo yombulelo phambi koYehova; yaye uSawule nawo onke amadoda akwaSirayeli bavuya kakhulu apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwayiwa ke, baza apho, ngaphambi kukaNdikhoyo, bazinzisa ubukumkani bukaSawule. Kwenziwa amadini obudlelwane apho, uSawule namaSirayeli ephela bebhiyozela eso siganeko.