1 Samuel 11:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuwo u‐Nahashe um‐Hamoni: Ngako oku ndiya kulwenza ucebano nani, ukuba ndiwancotule onke amehlo enu okunene, nokuba ndikubeke oko kube lihlazo pezu kwo‐Sirayeli bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuwo uNahashe umAmon, Ndiya kunimisela umnqophiso wokuthi, ndinikrukre nonke iliso lasekunene, ndikubeke oko phezu kwamaSirayeli onke, kube sisingcikivo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uNahashe umAmon kubo, Ndonimisela umnqophiso, ndibatyhale amehlo abalungiseleli benu bonke, ndiwahlaze amaSirayeli onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”