1 Samuel 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, u‐Saule weza emva kwenkabi, evela ezindle; wayesiti u‐Saule: Abantu bananina ukuba balile? Baza bambalisela amazwi amadoda ase‐Yabeshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanko uSawule, ehamba emva kweenkomo, evela ezindle; wathi uSawule, Banantoni na abantu, belila nje? Bamxelela ke amazwi amadoda aseYabheshe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nanko uSawule, ephuma elizweni, elandela imihlambi; Wathi uSawule, Banantoni na abantu, ngeli xesha bayalila? Bamxelela ngamadoda aseYabheshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.