1 Samuel 11:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula umoya katixo wamqubula u‐Saule, akuva lamazwi, yati ingqumbo yake yavuta kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uSawule ekuwaveni kwakhe la mazwi, wavutha umsindo wakhe kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoya kaThixo wamfikela uSawule ekuyiveni kwakhe le nto, wavutha umsindo wakhe kunene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo.